“Free to Learn: soze ungayibambi” esi sisihloko ebesikwisimemo ebesikhutshiwe ngeenjongo zokusungula, nokubonisa inkqubo yokufunda ngeelwimi ezimbini nangaphezulu. Oku kwenzeke kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC) ngomhla wama26 kweyoMsintsi 2024.
Ukuveliswa kwedotyhumentari liqumrhu leBua-Lit kunye neqela labaphandi phantsi kweprojekthi yeLanguage-for-Learning, linyathelo elibaluleke kakhulu kwimfundo yoMzantsi Afrika. Nangona oku kusenzeka emva kweminyaka emininzi oko abantwana bomgquba befunda ngesiNgesi kwaye bebetheka kakhulu esikolweni.
Ngaphandle kokuqhwabela eli phulo izandla kukhona imiba ebalulekileyo nengenakujongelwa phantsi ephakanyiswa ngulo mboniso. Okokuqala, ukubeka ummnwe kwiindlela zokufundisa ezilwimimbini kwibakala lesibhozo nelethoba, kwizifundo zeMathematika, ezeNzululwazi kunye nesiNgesi, kufika ngexesha elihle kakhulu kwimfundo yabantwna beli lizwe. Oku kuluncedo kakhulu njengoko kuvulwa amathuba aliqela kubafundi kwaye kubanika iindlela zokukhawulelana nokuntsokotha kwimfundo yabo, besenza oko ngeelwimi zabo. Okwesibini lo mboniso uveza abafundi kwakunye nendlela abaziva ngayo xa besebenzisa iilwimi ezimbini, isiXhosa nesiNgesi kwimfundo yabo. Endikuphawulayo kulo mboniso kukubona abafundi bengqina kwaye beqinisekisa ukubaluleka kokufundiswa kusetyenziswa iilwimi ezimbini. Oku kubalulekile nanjengoko abafundi bengazukuba naxanduva lokuqonda ulwimi lwesiNgesi lodwa kuqala phambi kokuba imfundo iqhubeke. Okwesithathu, kuza kutsho kwehle umthwalo emagxeni ootitshala kuba kakade kudala besebenzisa ezi ndlela zokufundisa zilwimimbini koko bezithubelezisa, zichwechwe ukuya kumagumbi okufundela.
Ixesha elininzi besisima kumaqonga eenkomfa sishumayela ukuba abantwana abaphumelelayo ngabo bafunda ngeelwimi zabo. Umnnqa kukuba oko bekuphelela nje kwintshumayelo kungaze kuziwe nento ebambekayo kumagumbi okufundisa. Kambe ke side sangamaxoki! Oku kukuthi maz’enethole kubavelisi balo mboniso kwa nootitshala abathe gqolo ukufundisa kwizikolo zeli!
NguSimthembile Xeketwana
Click here to watch the documentary.
Discover more from bua-lit
Subscribe to get the latest posts sent to your email.